Imela Igobel’ Esandleni!: Umqulu Wedrama Endima Nye, Amabalana Nemibongo
2023
Online
E-Book
Zugriff:
Lo mdlalo ubuhlungu kangaka wenzeka kwenye yemizi yakwaNyawuza eXhorha kwilali yaseThungwana.”Imela igobel'esandleni” La ngamazwi aphume kwinkosikazi uNolwando ezibona ilahlekelwa ngumntwana nempilo yayo ngenxa yomona. UZungula waswelekwa ngumfazi wakhe enomntwana ominyaka mihlanu kuphela ogama linguYanga, waza wazeka umfazi wesibini uNolwando. UNolwando wafumana abantwana abathathu uLisa, uSiseko kunye nenkwenkwe enguLoyiso. Uthe esabukele oonyana bakhe uZungula waqutyulwa yingulo emfutshane, yamthumela kwelemimoya. Intlalo ayizange ibentle kwaphela kuYanga akuba ebhubhile uyise kangangokuba wayecaca gcaa nase sidengeni ukuba uyahlukumezeka. Kuloo ntlalo ikrakrayo wanyamezela uYanga ethobekile esenza yonke imisebenzi yasekhaya nkqu neyamantombazana. Esikolweni wayephumelela emagqabini unyana kaZungula ethandwa ziititshala zonke nto leyo eyayimana kuyiquma intsokolo yakhe. Kanye xa ezakuqala ukuxelenga unina omncinci wanyukwa ngumona wagqiba ekubeni athenge ityhefu eza kumgqithisa amafu uYanga, kodwa ke ngelishwa akabikho ekhaya loo mini uLoyiso olithunjana likaNolwando watya oko kutya kunetyhefu engazi wasweleka umntwana emsulwa enjalo. Yamhlukumeza le meko uNolwando naye akaphila xesha lide waluphala.
Titel: |
Imela Igobel’ Esandleni!: Umqulu Wedrama Endima Nye, Amabalana Nemibongo
|
---|---|
Autor/in / Beteiligte Person: | Phiwokuhle Phiwe Dekisile |
Veröffentlichung: | 2023 |
Medientyp: | E-Book |
ISBN: | 978-1-7764606-4-9 (print) ; 978-1-7764606-5-6 (electronic) ; 978-1-7764606-6-3 (electronic) |
Schlagwort: |
|
Sonstiges: |
|